1 Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu.
2 UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato.
3 Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”
4 Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”