22 Kwathi akuvuka kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe okokuba wayekuthethile oku, baza bakholwa ziziBhalo nangamazwi awawathethayo uYesu.
23 Kwathi, xa uYesu wayeseJerusalem kwitheko *lePasika, abantu abaninzi bakholwa kuye bakubona imimangaliso ayenzayo.
24 Kodwa uYesu yena ebengathembelanga kubo, kuba ebazi bonke abantu.
25 Kwakungekho mfuneko yakuba kubekho bani umxelelayo ngomntu, kuba yena ezazi iintliziyo zabantu.