1 Phambi komsobomvu ngeCawe uMariya waseMagadala waya engcwabeni, wafika ilitye lokuvala ingcwaba lisusiwe.
2 Wabaleka, waya kuSimon Petros nalaa mfundi wayethandwa nguYesu, wathi kubo: “Bayithathile iNkosi engcwabeni. Asazi apho bayibeke khona.”
3 Banduluka ke uPetros nomnye umfundi lowo, baya kufika engcwabeni.
4 Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.
5 Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene.
6 Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi.
7 Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe.