1 Emva koko uYesu waphinda wazibonakalisa kubafundi bakhe ngakuLwandle lwaseTibheriya. Kwahamba ngolu hlobo ukuzibonakalisa kwakhe:
2 USimon Petros, noTomas ekuthiwa nguWele, noNataniyeli waseKana eGalili, kunye noonyana bakaZebhedi, nabanye abafundi ababini, babendawonye.
3 Waza wathi kubo uSimon Petros: “Ndisaya kuloba.”Baza bathi kuye: “Nathi sohamba nawe.” Baya ke bekhwele isikhitshana, kodwa àbabamba nto ngobo busuku.
4 Ukuthi chapha komsobomvu nako kumi uYesu elunxwemeni. Phofu abafundi babengaqondi ukuba nguYesu.