1 Kwakukho inkokheli yamaJuda, egama linguNikodimo. Yona yayiyeyehlelo *labaFarasi.
2 Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu, wathi: “Mfundisi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo, kuba akukho bani unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.”
3 UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”
4 UNikodimo wathi kuye: “Angáthini na ukuzalwa umntu oselemdala? Kaloku akangekhe aphindele esizalweni sikanina, aze azalwe kwakhona.”
5 Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.
6 Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.