29 Kaloku umtshakazi ngowomyeni. Ke yena umkhaphi womyeni ulindela ukufika komyeni, aze avuye kunene akuliva izwi lakhe. Ngokukwanjalo luphelele ngoku uvuyo lwam.
30 Makabaluleke yena, ndinciphe mna.”
31 “Lowo uvela phezulu unewonga kunabantu bonke. Lowo uvela ehlabathini ungowasehlabathini, kwaye uthetha okwehlabathi. Lowo uvela ezulwini unewonga kunabantu bonke.
32 Yena ungqina ngako oko akubonileyo nakuvileyo, kanti noko akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.
33 Othe wabamkela ubungqina bakhe uqinisekisa okokuba uThixo uyinyaniso.
34 Kaloku ethunyiwe nje nguThixo, uthetha amazwi kaThixo, kuba uThixo umnika uMoya wakhe ngokungenamlinganiselo.
35 UYise uyamthanda uNyana; zonke izinto uzinikele esandleni sakhe.