3 UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe.
4 Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika.
5 Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?”
6 Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza.
7 Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.”
8 Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye:
9 “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”