59 Ezi zinto uYesu wazithetha xa wayefundisa eKapernahum *endlwini yesikhungo.
60 Bathi bakuziva, abaninzi kubafundi bakhe bathi: “Iyaxakanisa le ntetho. Ngubani onokuyinyamezela le nto?”
61 UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe bayakrokra, waza wathi kubo: “Iyanikhubekisa le ndawo?
62 Ngaba nothini na nakumbona *uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona?
63 NguMoya onika ubomi; ke wona amandla omntu akancedi lutho ekunikeni ubomi. Amazwi endiwathethileyo kuni ngakaMoya, anika ubomi.
64 Kanti ke noko basekho kuni abangakholwayo.” Kaloku uYesu wayebazi kwangaphambili abo bangakholwayo, emazi kwanalowo wayeza kumngcatsha.
65 Waza ke wathi: “Kungoko nditshilo kuni ukuthi akukho namnye unokuza kum engakunikwanga nguBawo ukwenjenjalo.”