17 Lowo uyenzayo intando kaThixo, uya kuqonda ukuba andithethi okukokwam, koko ndifundisa okuphuma kuThixo.
18 Othetha okukokwakhe uzifunela olwakhe udumo; ke yena ofuna udumo lwalowo umthumileyo unyanisekile, akukho nkohliso kuye.
19 Akaniwiselanga umthetho na uMosis? Kanti akukho namnye kuni uwuthobeleyo. Kungani na ukuba nifune ukundibulala?”
20 Abantu baphendula bathi: “Uphambene! Ngubani ofuna ukukubulala?”
21 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Ndenze into yanye *ngoMhla woPhumlo, naza namangaliswa nonke.
22 Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla.
23 Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu?