24 Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”
25 Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala?
26 Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu?
27 Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.”
28 Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi,
29 kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”
30 Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha.