4 Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.”
5 Babesitsho abantakwabo-Yesu kuba nkqu bona babengakholwa kuye.
6 Wathi kubo uYesu: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki.
7 Abantu beli hlabathi bandithiyile mna, kuba ndisoloko ndiyihlaba imikhwa yabo emibi, kodwa nina bayanithanda.
8 Ningaya nina ethekweni apho, kodwa mna andiyi, kuba ayikabi lothuba lifanelekileyo eli kum.”
9 Akuba etshilo wasala eGalili.
10 Bakuba bemkile abantakwabo-Yesu ukuya ethekweni apho, naye waya khona, phofu wahamba ngokuzimela.