1 UYesu yena waya eNtabeni yemiNquma.
2 Lakuphuma ilanga ngosuku olulandelayo, wabuyela *endlwini kaThixo. Isihlwele samngqonga, waza wahlala phantsi, wabafundisa abantu.
3 Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu;
4 baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.
5 Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”
6 Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.
7 Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”