3 Abachazi-mthetho *nabaFarasi beza nomfazi owayebanjwe ekrexeza, bammisa phambi kwabantu;
4 baza bathi kuYesu: “Mfundisi, lo mfazi ubanjwe ekrexeza.
5 Emthethweni wethu uMosis uthi umfazi onjalo makagityiselwe ngamatye abulawe. Ke wena ngaba uthi makathiweni?”
6 Besitsho nje, babemthiyisela, befuna athethe into abanokummangalela ngayo. Kodwa uYesu wathoba, wabhala ngomnwe emhlabeni.
7 Besamile njalo bembuza, waphakama, wathi kubo: “Ongenasono kuni makube nguye ogibisela ilitye lokuqala.”
8 Waphinda wathoba uYesu, wabhala emhlabeni.
9 Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.