32 Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”
33 Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?”
34 Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
35 Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana.
36 Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.
37 Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam.
38 Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”