9 Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.
10 Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”
11 Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]
12 UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”
13 Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”
14 Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi.
15 Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo.