8 Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle.
9 Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye.
10 Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye.
11 Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-heres.
12 Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigángeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini.
13 Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini.
14 Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu.