6 Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungàqotywa ubulungisa bam.
7 Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo.
8 Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana.
9 Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya?
10 Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo?
11 Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina.
12 Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ùngubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca;