7 Yonke imihlambi yakwaKedare ibuthelana kuwe, iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti ziyakulungiselela; zinyuka ngokulikholo kum esibingelelweni sam, ndihombise indlu yokuhomba kwam.
8 Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo?
9 Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude, benesilivere yabo negolide yabo, kwigama likaYehova uThixo wakho, koyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekuhombisile.
10 Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu;
11 ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.
12 Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile.
13 Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres* nompleyini* nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.