2 Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini?
3 Isifaxangelo ndìsixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.
4 Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile.
5 Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.
6 Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.
7 Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.
8 Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.