18 UYehu wabaqokelela bonke abantu, wathi kubo: “UAhabhi wayemnqula kancinci uBhali, kodwa ke mna ndiza kumnqula kakhulu.
19 Babizeni bonke abashumayeli bakaBhali, abanquli bakhe, ndawonye nababingeleli bakhe. Makungasali namnye, kuba ndiza kumenzela idini elikhulu uBhali. Umntu othe akeza akayi kudla bomi.” Kambe ke uYehu wayesenza iqhinga lokutshabalalisa bonke abanquli bakaBhali.
20 UYehu wathi: “Abantu babizeleni kwindawo eyodwa yokunqula uBhali.” Ngenene ke babamema abantu.
21 Waza ke wathumela umyalezo kuSirayeli ephela, nakubo bonke abanqula uBhali, ukuze bangaphoswa. Ewe, beza xa bebonke. Baqokelelana ke apho esibingelelweni sikaBhali, satsho sazala sema ngeembambo.
22 UYehu wathi kumgcini wegumbi lezambatho: “Bonke abanquli bakaBhali banike izambatho.” Weza nazo ke ezo zambatho.
23 Ke uYehu kunye noYonadabhi, unyana kaRekabhi, bangena apho esibingelelweni sikaBhali. UYehu wathetha nabanquli bakaBhali wathi: “Khangelani kungathi kanti apha kukho nezicaka zikaNdikhoyo; kuphela mayibe ngabo banqula uBhali.”
24 Bangena ke, benza iminikelo namadini atshiswayo. Ngoku ke uYehu wayemise amadoda angamashumi asibhozo ngaphandle, wathi: “Umntu okhe wabayeka baphuncula aba bantu ndininika bona, uya kubuyekeza ngobomi bakhe.”