10 Ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe kakumkani uYowashe wakwaJuda, uYehowashe unyana kaYowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesithandathu.
11 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akahlukananga nezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; naye waziqhubela phambili.
12 Ke ezinye iziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe, ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
13 UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.
14 Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”
15 UElisha wathi kuye: “Yiza neentolo nesaphetha.” Weza nazo ke,
16 waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi: