7 Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.
8 Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaYowahazi, imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
9 UYowahazi waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uYehowashe.
10 Ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe kakumkani uYowashe wakwaJuda, uYehowashe unyana kaYowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesithandathu.
11 Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akahlukananga nezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; naye waziqhubela phambili.
12 Ke ezinye iziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe, ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
13 UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.