4 Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.
5 Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.
6 Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
7 UAzariya waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Endaweni yakhe kwangena uYotam unyana wakhe.
8 Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu.
9 Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.
10 Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani.