15 Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe.
16 Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.”UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”
17 Kambe ke abo bashumayeli baphikelela ukuyithetha le nto, wada ke naye waneentloni ukubalela, wathi: “Wathumeni.” Bawathuma ke loo madoda angamashumi amahlanu, aza ke amfuna iintsuku zada zantathu, kodwa akamfumana.
18 Athe ke akubuya engamfumananga, eza kuElisha owayehlala eJeriko, waza ke yena wathi kuwo: “Bendingatshongo na ukuba sanukuya?”
19 Ke amadoda eso sixeko athetha noElisha athi: “Mnumzana, uyayibona nawe le dolophu yethu ukuba imi endaweni entle, kodwa ke amanzi ayo mabi, nomhlaba wayo awunamveliso.”
20 Wawaphendula wathi: “Yizani nesitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.” Ngenene beza naso ke.
21 Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ”