20 Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.
21 Ngoko ke uYehoram waya eZayira nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku, waphuncuka. Ke wona umkhosi wakhe wabaleka wagoduka.
22 Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda. NeLibhena ke yenza uvukelo kwangelo xesha.
23 Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYehoram, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.
24 UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.
25 Ngonyaka weshumi elinambini elawula uYoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwaJuda.
26 Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli.