24 UYehoram ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. UAhaziya unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.
25 Ngonyaka weshumi elinambini elawula uYoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwaJuda.
26 Waqalisa ukulawula xa aneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri ukumkani wakwaSirayeli.
27 Wahamba ekhondweni lendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaNdikhoyo. Kaloku wayengumkhwenyana kwindlu ka-Ahabhi.
28 UAhaziya wadibana noYoram unyana ka-Ahabhi, baza balwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram lawo ke amngxwelerha uYoram,
29 waza ke yena waya eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram eRama kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram.Ke uAhaziya unyana kakumkani uYehoram wakwaJuda wehla waya eYizereli, esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.