12 Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.
13 Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.
14 UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
15 Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu omzimba kaKrestu? Ngaba ndinokuthi ke ndiwathathe amalungu kaKrestu ndiwenze amalungu esifebe? Unotshe!
16 Ngaba anazi na ukuba ozimanya nesifebe umzimba mnye naso? Kaloku *iziBhalo zithi: “Abo babini boba mzimba mnye.”
17 Ke ozimanye neNkosi umoya mnye nayo.
18 Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe.