3 Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.
4 Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi.
5 Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke,
6 kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
7 Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle.
8 Kodwa asinako ukumkholisa uThixo ngento esiyityayo okanye esingayityiyo. Akukho nto iya kusilungela ngakuba singatyanga, kungekho nto iya kusonakalela ngakuba sityile.
9 Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni.