16 “Madoda, mawethu, bekufanelekile ukuba kuzaliseke okwathethwa nguMoya oyiNgcwele, esebenzisa uDavide ukuxela okuya kwenzeka kuJudas, lowo wabakhokelela kuYesu abo bambambayo.
17 UJudas lo ebengomnye wethu, enenxaxheba kulo msebenzi sikuwo.”(
18 Kaloku le ndoda yathenga umhlaba ngaloo mali yayifumana ngenkohlakalo. Yawa ngesisu, sagqabhuka, zaphalala izibilini kuloo ndawo.
19 Le ntlekele yaduma kulo lonke elaseJerusalem; baza bayithiya igama loo ndawo, bathi yiAkeldama ngolwini lwabo, igama elithetha umhlaba wegazi.)
20 “Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa:“ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe;makungahlali nabani kuwo.’“Kwakhona kuthiwa:“ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’
21-22 “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”
23 Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya.