20 “Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa:“ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe;makungahlali nabani kuwo.’“Kwakhona kuthiwa:“ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’
21-22 “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”
23 Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya.
24 Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele
25 kwisikhundla sokukukhonza *ingumthunywa, eso satyeshelwa nguJudas ukuze aye kuloo ndawo imfaneleyo.”
26 Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.