11 Wabona izulu livulekile, kusihla into engathi lilaphu elikhulu libanjwe ngamasondo omane, lisiza emhlabeni.
12 Kulo kwakukho zonke iintlobo zezidalwa ezingatyiwayo ezizitho zine, ezirhubuluzayo, nezibhabhayo.
13 Weva ilizwi lisithi kuye: “Vuka, xhela utye, Petros.”
14 Waphendula wathi: “Nkosi, ngunotshe lowo! Mna andizange ndiyitye into engatyiwayo.”
15 Laphinda ilizwi elo lavakala kuye lisithi: “Musa ukuthi ayityiwa into athi uThixo iyatyiwa.”
16 Le nto yenzeka kwada kwakathathu, laza ke ilaphu elo lanyuselwa ezulwini.
17 Ngoku asamangalisiweyo yena uPetros ukuba ngaba yintoni na intsingiselo yalo mbono, wona amadoda athunywe nguKorneli ayesede awufumana umkhondo wendlu kaSimon, selemi esangweni.