16 Le nto yenzeka kwada kwakathathu, laza ke ilaphu elo lanyuselwa ezulwini.
17 Ngoku asamangalisiweyo yena uPetros ukuba ngaba yintoni na intsingiselo yalo mbono, wona amadoda athunywe nguKorneli ayesede awufumana umkhondo wendlu kaSimon, selemi esangweni.
18 Abuzisa ukuba ngaba akukho mhambi ugama linguSimon Petros na apho.
19 UPetros yena wayesajika-jikana nalo mbono ukuva kwakhe uMoya oyiNgcwele esithi: “Phulaphula, nango amadoda amathathu ekufuna.
20 Phakama uye kuwo la madoda, ungathandabuzi, uhambe nawo, kuba athunywe ndim.”
21 Waya kuwo uPetros, wafika wathi: “Ndim lo nimfunayo. Ngaba nindifuna ngani?”
22 Wona aphendula athi: “Sithunywa yiNkosi yethu uKorneli, oyindoda elungileyo emhlonelayo uThixo, ehlonitshwayo nangamaJuda. Uxelelwe sisithunywa sikaThixo ukuba makakubize uye endlwini yakhe, ukuze eve loo nto uya kumxelela yona.”