24 Ngengomso wagaleleka eKhesariya, apho wafika elindelwe nguKorneli nezizalwana nezihlobo zakhe ezisenyongweni.
25 Xa angenayo uPetros, uKorneli wazikhahlela phambi kwakhe,
26 kodwa uPetros wamphakamisa wathi: “Hayi, ndingumntu nje nam; musa ukwenjenjalo.”
27 UPetros wayethetha noKorneli ekungeneni kwakhe endlwini, apho wafika kubuthelene abantu abaninzi.
28 Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga.
29 Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?”
30 Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,