3 Ngenye injika-langa kwisithuba sentsimbi yesithathu, waba nombono, wasibona ngokucacileyo isithunywa sikaThixo singena sisithi kuye: “Korneli!”
4 Wasiqwalasela enoloyiko, wathi: “Yintoni, Nkosi?”Saphendula sathi: “UThixo uyamkele imithandazo nemisebenzi yakho yesisa; akazange wakulibala.
5 Ngoku ke thuma amadoda eJopa, kumntu othile ogama linguSimon Petros,
6 olundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.”
7 Sakumka isithunywa eso, uKorneli wabiza izicaka zakhe ezibini, kunye nejoni elalimhlonela uThixo, elalingumlindi wakhe.
8 Wabachazela konke okwakumhlele, waza wabathuma eJopa.
9 Ngomhla olandelayo, xa babesendleleni, besondela eJopa, uPetros uthe emini emaqanda waya kuthandaza phezu kwendlu kwindawo esabuvaranda.