6 Ndaqwalasela ngaphakathi kuyo, ndabona izilo nezilwanyana, iinyoka neentaka zasendle.
7 Ndeva ilizwi lisithi kum: ‘Vuka, xhela utye, Petros.’
8 Kodwa mna ndithe: ‘Nkosi, unotshe! Andizanga ndikufake kowam umlomo ukutya okungatyiwayo.’
9 Kwakho lathi ilizwi elo: ‘Musa ukuthi ayityiwa nayiphi na into uThixo athi iyatyiwa.’
10 Le nto yenzeka kwada kwakathathu, kwathi ekugqibeleni labuyiselwa kwasezulwini elo laphu.
11 Ngaloo mzuzu kanye, nako kufika kuloo mzi ndandihlala kuwo, amadoda amathathu awayethunywe kum, evela eKhesariya.
12 UMoya oyiNgcwele wathi mandihambe nawo loo madoda, ndingathingazi. Naloo makholwa mathandathu aseJopa aya kunye nam eKhesariya, safikela kwaKorneli sisonke.