1 Ngeli thuba naye ukumkani uHerode wabatshutshisa abathile balo ibandla.
2 Wambulala ngekrele uYakobi umntakwabo-Yohane.
3 Uthe akuqonda ukuba esi senzo siwakholisile amaJuda, waqhubela phambili ngokuvalela uPetros. Le nto yenzeka ngexesha *leSidlo seZonka ezingenaGwele.
4 Akuba ebanjiwe uPetros, wavalelwa entolongweni. Wanikelwa ukuba alindwe ngamajoni angamaqela amane angamane. UHerode wayezimisele ukumsa ematyaleni emva *kwePasika.
5 Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.