1 Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule.
2 Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”
3 Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
4 Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro.
5 Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.
6 Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.