27 Kaloku abantu baseJerusalem, bekunye neenkokheli zabo, babengamazi, bengawaqondi namazwi abashumayeli bamandulo afundwayo ngayo yonke iMihla yokuPhumla. Kodwa bâwazalisekisa amazwi abo bashumayeli ngokumgweba uYesu.
28 Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.
29 Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.
30 Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,
31 waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.
32 Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu,
33 uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’