4 Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro.
5 Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.
6 Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.
7 Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo.
8 Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni.
9 Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo,
10 wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki!