5 Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.
6 Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli.
7 Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo.
8 Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni.
9 Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo,
10 wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki!
11 Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.”Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo.