18 Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.
19 Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile.
20 Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.
21 UPawulos noBharnabha bazishumayela iindaba ezimnandi naseDerbhe, bafumana inkitha eyaba ngabalandeli bakaYesu. Baza ke babuyela eListra, baya eIkoniyo ukusuka apho, baya naseAntiyokwe yasePisidi.
22 Bawomeleza amakholwa, bewakhuthaza ukuba ahlale ehleli elukholweni enyanisekile, besithi ukufundisa: “Simelwe kukuthwala ubunzima thina singene phantsi kolawulo lukaThixo.”
23 Kwibandla ngalinye batyumba abadala, babanikela ngemithandazo nangozilo-kutya eNkosini ababethembele kuyo.
24 Emveni kokutyhutyha ummandla wasePisidi, bafika ePamfili.