25 Bashumayela udaba ePerga, baza badlulela eAtaliya.
26 Basuka apho ngesikhephe babuyela eAntiyokwe yaseSiriya, apho babenikelwe elugcinweni naselubabalweni lukaThixo ukuya kwenza kwabo lo msebenzi bawufezileyo ngoku.
27 Bakufika eAntiyokwe, balihlanganisela ndawonye ibandla, babalisa ngezinto uThixo awazenza ngabo, bexela nokuba nabaziintlanga uThixo ubavulele indlela yokukholwa.
28 Bahlala ke apho kunye namakholwa ithuba elide.