4 Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.
5 Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye.
6 Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo.
7 Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
8 Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba.
9 Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo,
10 wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.