11 Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”
12 Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga.
13 Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu!
14 USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe.
15 Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:
16 “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.
17 Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.