15 Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:
16 “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.
17 Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.
18 “Kakade ke iyaziwa le nto.
19 Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo,
20 koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi.
21 Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”