2 UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.
3 Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa.
4 Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo.
5 Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.
6 Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela.
7 Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke.
8 UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi.