1 Emva koko uPawulos wemka eAtene, wabheka eKorinte.
2 Apho wadibana nomJuda ogama linguAkwila, owazalelwa ePonto, ekunye noPrisila umkakhe. Wayesand' ukufika apho, evela eItali, ekubeni *uKhesare Klawudiyo wawagxothayo amaJuda awayeseRoma. Ebandwendwele uPawulos,
3 wahlala kunye nabo, wasebenza kunye nabo, kuba kaloku wayephila ngokwenza iintente njengabo.
4 Yonke imiGqibelo wayedla ngokubamba iingxoxo *endlwini yesikhungo, ezama ukuwanelisa amaJuda kwanamaGrike.
5 Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu.
6 Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”
7 Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo.