3 wahlala kunye nabo, wasebenza kunye nabo, kuba kaloku wayephila ngokwenza iintente njengabo.
4 Yonke imiGqibelo wayedla ngokubamba iingxoxo *endlwini yesikhungo, ezama ukuwanelisa amaJuda kwanamaGrike.
5 Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu.
6 Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”
7 Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo.
8 UKrispo, igosa lendlu yesikhungo, wazinikela eNkosini kunye nentsapho yakhe. Kwabhaptizwa nenkitha yabantu eKorinte eyalivayo ilizwi yazinikela eNkosini.
9 Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami,