9 Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami,
10 kuba mna ndinawe. Akukho mntu uya kukuchukumisa, kuba baninzi abantu bam kule dolophu.”
11 UPawulos wahlala apho ke unyaka onesiqingatha, ebafundisa ilizwi likaThixo abantu.
12 Kwathi akuba uGaliyo eyirhuluneli emele amaRoma kwisithili saseAkaya, amaJuda adibana ngoPawulos, amthatha amsa enkundleni, afika athi:
13 “Le ndoda izama ukuwexula abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela ephambeneyo nomthetho.”
14 Kwathi xa aza kuphendula uPawulos, uGaliyo wabhekisa kumaJuda wathi: “Ukuba ngaba lo mbandela ubuyimpazamo ethile, okanye ityala elibi, bendingade ndiyinyamezele le nto, maJuda.
15 Kodwa ke ngenxa yokuba lo mbandela uphathelele kumazwi, namagama, nomthetho wenu, ziboneleni nina ukuba ningawulungisa njani na. Mna andinakugweba izinto ezinjalo.”