6 UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.
7 Babengamadoda amalunga neshumi elinambini.
8 Ngesithuba seenyanga ezintathu uPawulos wayesiya *endlwini yesikhungo yamaJuda, ethetha, exoxa nabo abantu ngesibindi, ezama ukuboyisela ekulawulweni nguThixo.
9 Kodwa abanye babo baba neenkani, abavuma ukuzinikela, basuka bayingcikiva iNdlela yeNkosi esidlangalaleni. Ngoko ke uPawulos wabashiya, wathatha abalandeli bakaYesu, waza wafundisa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.
10 Le nto ke wayiqhuba isithuba seminyaka emibini, bada bonke abantu ababehlala kwelo phondo laseAsiya, amaJuda kwanamaGrike, baliva ilizwi leNkosi.
11 Amandla kaThixo âbonakala ngezinto ezingaqhelekanga ezazisenziwa nguPawulos.
12 Neetshefu ezi kwaneefaskoti ezichukumise umzimba kaPawulos zazibaphilisa abagulayo, kude kuphume neendimoni.